BONA XHOSA Septemba 1997
	
Amaqabane amadala
esahlukana- njengoko		UNonhlanhla Mtakati nendoda
	ubona ebuswen! kuGqr		yakhe uMike
	Buitendag akumnandi.		Mtakati (umhleli
	Onika uGqr Buitendag		wemagazini
	incwadi equlunqwe		iNEXT), uAngela
	ngokukhethekileyo iRP		Waller Paton
	BOOK nguMnu Schalk van	(uMhleli weYOUR
	der Merwe ongumphathi	FAMILY), umhleli
	nokwangusihlalo			WeBONA uDaizer
	kwaRepublican Press		Mqhaba
	nakwaRNA. Bobabini		nenkosikazi yakhe
	basebenze ndawonye		uFuneka.
	malunga nama-30
eminyaka.

NGALE NGOKUHLWA BATHI NDLELANTLE KUSIHLALO WEBONA

uGqr J.M. Buitendag, usihlalo oyinqununu kwaPerskor, usandul ukudla umhlala phantsi emva kweminyaka ephethe inkampani eshicilela iBONA nezinye iimagazini. Xa ebengusihlalo Ie nkampani yakwaPerskor ibigqwesa kushicilelo nasekungeniseni
imali. Xa bekusithiwa ndlela-ntle kuye kwihotele IRoyal eThekwini bekukho imincili nentlungu. Umfoti ozuze imbasa uRAJESH JANTILAL ebelapho ukuze afote yonk'into...

Njengenjuze yokwenyani unkcunkce kakuhle. Njengejoni lokwenyani, uwulwile umlo. Hayi ke ngoku, kwanele phumla, uDaizer Mqhaba onguMhleli omKhulu kwiBONA utshilo kuGqr Buitendag kwintetho
yakhe yokuthi ndlela-ntle.



24 BONA XHOSA - September 1997

MILES DIBAKOANE (47) ulixhalabele ixesha. Uyaqonda ukuba ixesha lifana nemali, unenkolelo yokuba mzuzu ngamnye ochithiweyo ufana nokulahlekelwa yimali. Kungako ishishini lakhe elikhulu lotywala elikubhazabhaza iVulindlela Industrial Heights eMtata lisebenza iiyure ezingama-24 ngemini.
Yonk into iqala ngomnqweno, utshilo encumile. Nawuphi na umnqweno othembisayo xa ufezwa kufuneka ube neziphumo ezihle - ndenjenjalo mna! Izinto ezintle azifiki kwabalindayo kodwa zenzeka kwabazifezekisayo.
La ngamazwi obulumko athethwe lityendyana elisisilumko elaqala lasebenza kwindawo ebhaka izonka, Lemka apho layokuqhuba kwindawo esila utywala, lanyuselwa langummeli wale nkampani yotywala ngoku lingusomashishini obalaseleyo. Konke kwenzeke kuma-27 eminyaka! Izinto ziqalise ukunik'umdla kum xa ndalishiya ikapa ndeza eTranskei ngo-1984 ndingummeli kwezentengiso zakwaSouth African Breweries. UThembisa endandithandana naye ngoko wayesebenza kwaGilbeys. Ndaqonda ukuba mna naye zininzi izinto esifana ngazo -wayenqwenela ukuba neshishini, wayekwazi ukumelana
nobunzima nokusebenza kwiimeko ezingentle. Unamandla ekwazi nokuqhuba ilori.
UMiles noThembisa batshate ngo-1988, ngoku banabantwana abane.
Ngokokutsho kukaMiles, nguThembisa owafezekisa
iminqweno yabo yeshishini ngokuyeka ukuphangela kwaGilbeys
abe neshishini kwidolophu yakowabo.
UThembisa akazange alinde, wazibhokoxa kwishishini. Ngaphambi koku sobabini sasithengisa utywala singenalayisensi. UThembisa wayelayisha ilori yakhe atshone ngapha nam ndenjenjalo. UZameka Gqamane wayesithengisela utywala eDutywa. Oku sakwenza iminyaka emi-3 1/2 de saqesha ilayisensi kumhlobo.
Xa ndandisebenza njengommeli wenkampani ndabhaqa ivenkile ethengisa utywala eCoffee Bay neyayibukeka itshona kodwa noko ayekho amathemba. Ndayiqesha kumniniyo okweminyaka emihlanu ndaza emva koko ndayithatha.
Kwenzeka ngokweminqweno yam, ishishini lachuma. Ndathenga ilori yam yokuqala kusomashishini uArchie Nkonyeni. Ndafumana ivenkile kwiTranskei Development corporation (TDC) apho ndakwazi ukurhweba ama-24 eeyure ngemini!
Ngathi oku kwakunganele, uMiles uthenge isiza esasisetyenziswa ngabakwaGilbeys. Iofisi awayefudula esebenza kuyo uThembisa ngoku ikufutshane neyalo mfo.
Esi sibini senze inkqubela encumisayo. Sineevenkile zotywala ezimbini - enye iseMtata ukanti enye isekapa. SineBangkok Factory Fashion Clothing Boutique eMtata, indawo yokubhaka izonka Engcobo nesilarha eVulindlela apho abathengi bakhe banokukhululeka boje.
Akubuzwa ngempumelelo yakhe uMiles uthetha ngentsebenziswano entle, imvano nenkosikazi yakhe nabasebenzi, ubuhlobo nomntu ngamnye kumawakawaka athenga kuye.Ndiyamhoya umntu ngamnye ondixumayo. Ngamnye kubo ndiyamonwabisa, kungako bendixuma. Abantu ndiyabathanda, nabantu bayandithanda. Apha ndiyancokola nabo, bayakuthanda oku. Ubungekh'uthi kusezinzulwini zobusuku.
Xa bethenga abanasikrokro, bafumana inkonzo entle, le yimfihlo yempumelelo yam, utshilo uMiles. Utyibele wathi, Umphathi webhanki yam uyandiqonda futhi uyaphulaphula!
Xa besidlan'indlebe noMiles noThembisa bebeququzelela umhla wokuzalwa wama-21 wentombi yabo uCaroline. Uqhutywe kwangale mini kwiNightclub kaMiles eVulindlela. Bekungeyondleko, nolutsha oluthanda ulonwabo oluvela ekapa luye lonwaba de kwaphum ikhwezi.
 
UMlles uqale wathengisa utywala ngokungemthetho phambi kokuba abe sisinhanha. Ngoku uneshishini lotywala eliye
lichuma.	
Kwidesika yabo eseofisini, abakwa Dibakoane banefoto kaMaNgconde umthandazeli. Wayiphilisa ngokumangalisayo inkosikazi yam kwisifo endingenakusichaza, utshilo uMiIes.


 26 BONA XHOSA - September 1995


Kwabaninzi ukusebenza njengomongikazi iiyure ezinde
neziyindinisa kunokwanela. Akunjalo ngoMfundisi
uEtheldredah Mthembu. Wafuna okunik'umdla ukuze xa engaphangelanga onwabe, waza wafumana uxolo novuyo
epulpitini.
Usemsebenzini lkhola ithathelw'indawo yiyunifomu yobongikazi ngoku uMfundisi Mthembu unguMongikazi Mthembu. Kunye naye nguSista Wendy Memela beshikixa ngocwangciso lomsebenzi.	
kubalisa uPRIMROSE WILLIAMS kufote uLIESEL HANNEMANN

UMONGIKAZI nomfundisi uEtheldredah Zanele Mthembu uyazazi apho akhoyo kuba akazange alibale imvelaphi yakhe. Xa ethetha ngendlela akhula ngayo ubalisa iingxaki ajamelana nazo ukuze abe ngulo mntu anguye. Kwindawo endakhulela kuyo zazinqongophele izikolo, sasihamba imigama emide ukuya esikolweni. Phofu ke, nabazali bam babengenazintsiba zakuhlawulela iimfuno zam zesikolo". utshilo.
Uzalelwe eNanda kufutshane naseThekwini. UEtheldredah wafunda amabanga aphantsi kwisikolo salapho de waphela kwibanga lesi-5. IBanga lesi-6 ulifunde eOhlange laza elesi-7 walifunda eNanda Mission. Akupasa iBanga iesi-7 kwafuneka ayeke esikolweni ayokuphangela. Wafumana isithuba sokuba ngumongikazi oncedisayo eJHB, kodwa wathi kuba esanxanelwe imfundo, waphangela emini aze afunde kwisikolo sasebusuku de wapasa ibanga le-9.
Kodwa ngalo lonke elo xesha ndandiseseJohannesburg, qho kufika umntu ondicela ndimbhalele okanye ndimfundele ileta ndandikhumbula imeko ebuhlungu yabantu basezilalini. Kwakundikhumbuza ngemeko yam ndisengumntwana nangendlela ekwakunzima ngayo ezilalini ukuya esikolweni.
Oko kwambangela uEtheldredah emke eJohannesburg abuyele ezilalini ayokufundisa. Ndandizimisele ukwenza igalelo, kungakhathaliseki ukuba lincinane kangakanani ukuze abantu abaninzi bakwazi ukubhalela
iintsapho zabo xa bephangela ezidolophini, bakwazi nokufunda imiyalelo yokusela amayeza nto leyo enokuba yingozi xa umntu engaboni nkqu nokuba igama elithi iTyhefu (poison) libhalwe bomvu kwileyibheli, utshilo.
Wafundisa unyaka omnye eCorinth School eMzimkhulu. Emva koko uye wasondelela kowabo, wafundisa eMaoti eNanda iminyaka eli-12. Ngoko noko imeko kwezemfundo yayibuphucuka. Zazizininzi izikolo neetitshala. Oku kwandibangela ndiyeke ukuba yititshala ndizingele ndawo yimbi esasilela emva. Ndayifumana kwezempilo. UEtheldredah uqeqeshwe njengomongikazi eClairwood Hospital ngoku usebenza eKing Edward VIII Hospital.


